


YENZA UKUFUNDA KUBE LULONWABO


Umntwana uqhuba kakuhle kwimfundo yakhe xa ekhawuleze wafunda ukuwuthanda umsebenzi wakhe wesikolo. Le desika kulula ukuyenza yenzelwe iKlasi yoku-1 okanye eye-2, kodwa inokwenziwa iphakame yaye ibe banzi ngaphezu koku ukuze ilungele umntwana omdala

kubhale uROD BAKER

ENYE yeengxaki ezijamelana nabantwana xa befuna
ukwenza umsebenzi wabo wesikolo kukungabi nabandawo abanokubhalela kuyo. Le desika kulula ukuyenza yaye unokuzenzela nabanye abantwana
abakufutshane nawe.
Izinto ezisetyenziswayo:
Kuza kufuneka: ichipboard enobude obuyi-3m nobungqingqwa obuyi-1mm nenobubanzi obuyi-530mm; iplanga lepine eliyi-3m ubude neliyi-19 x l9mm; izkru ezingama-20 - eziyi-3Omm ubude, iglu yamaplanga, intwana yewoodfiller nepeyinti yakwaPlascon enombala owuthandayo - ipeyinti eyigloss kuya kuba lula ukuyicoca. Zonke ezi zinto okanye amacebiso ezinye izinto onokuzisebenzisa ayafumaneka kwiivenkile zakwaTIMBER CITY kulo lonke eli.
Sika umphezulu wedesika ube yi-850mm ubude, amacala amabini (libe yi-5OOmm ubude lilinye) nomva (obude buyi-700mm ubude) kwichipboard. Sisebenzise iBOSCH PST 54E jigsaw ukusarha eli planga. Ukubeka iplanga emgceni oza kusarha kuwo kuya kukunceda usarhe into elungeleleneyo. Kusetyenziswe kwayiPST 54E ukulungisa iikona.
Yenza imingxuma yezkru kwichipboard. Sisebenzise iBOSCH PBM 4,8 V/12 Cordless Drill ukwenza imingxuma. Sisebenzise izkru ezine kwicala ngalinye (njengasemfanekisweni) neglu ukudibanisa indawo ngaye. Kufuneka usijije iskru sigqithe kwichipboard siyc kungena kwiplanga lepinc ukuze sibambelele kungenjalo sinokuphuma kwichipboarcl.
IBOSCH PSR 3,6v Cordless Screwdriver siwenza ube lula umsebenzi wokutshonisa izkru. Iskru ngasinye sitshonise de intloko yaso itshone eplangeni, sigqume ngewoodfiller uze uyenze igude loo ndawo. Jonga emfanekisweni.
Nantsi indlela elisetyenziswa ngayo iplanga eliyi-19 x l9mm ubude ukuqinisa indawo nganye enamaplanga adibeneyo. Kusetyenziswe izkru neglu ukuze ziqine ezo ndawo.
Kusetyenziswe iBOSCH PEX 12A Multisander ukugudisa iplanga nokulungisa iziphelo zalo ngaphambi kokuba lipeyintwe ngevanitshi.




65
UMBANE - APHO UWUFUMANA
KHONA, XA UWUFUNA


Izixhobo ezisebenza ngombane ziluncedo, kodwa kukhe kubekho indawo onyanzeleka ukuba usebenzise izixhobo zombane ezingenantambo kuba ungekho umbane. Njengoko ubona, sisebenzise izixhobo zombane nezingenantambo yombane zakwaBOSCH ukwenza idesika -zinokusetyenziswa zombini ezi ndidi zezintlobo.
Sifake iBOSCH PSR 3,6v Cordless Screwdriver neBOSCH PBM 4,8 V/12 Cordless Drill kwiplanga elincinane esilixhome eludongeni olusecaleni kwendawo enombane. Xa siza kusebenza emzini ongenambane, sinokuya nebhodi sicele ukuplaga oomatshini bokuvuselela amabhethri okwexeshana kummelwane onombane.
IBOSCH PSR Screwdriver sinamabhethri yaye umatshini wokuwavuselela uneendawo zokufaka amabhethri amabini owavuselela ngexesha elinye. Ngoko unokuthi usisebenzisa iscredriver ube uvuselela amanye amabhethri.

IZINTO OFANELE
UZIKHUMBULE
NGEZIXHOBO
ZOMBANE
EZINGENANTAMBO


Izixhobo esisebenza ngombane ezingenantambo zisoloko zikunceda xa ufuna ukuzisebenzisa. Unokwenza imisebenzi enzima kwiindawo czingenambane ngazo.

* Amandla ombane ezixhobo ezingenantambo anokuvuselelwa amatyeli amaninzi. Ngoko xa singasasebenzi kakuhle isixhobo sakho ezingenantambo, sifake kumatshini ovuselela amandla aso okwethutyana.

Yidesika epheleleyo le. Sipeyinte nje kancinane nevanitshi yakwaPlascon ukuze ubone ukuba yenziwa kanjani, wena unokuyipeyinta ngepeyinti oyithandayo. Kubhetele usebenzise ipeyinti ebengezelayo ukuze kube lula ukuyicoca, okanye usebenzise ivanitshi njengathi.



UKHUPHISWANO ZUZA! ZUZA! ZUZA!
Sifuna amacebiso akho ento onqwenela ukuyakha ngezixhobo zombane zakwaBOSCH. Sibhalele usinike icebo lakho yaye icebo eligqwesileyo liya kuzuza
iBOSCHPSR 3,6 VCORDLESS SCREWDRIVER esinesayo iRECHARGER.
Thumela ingenelo lakho kule dilesi: The Bosch/Bona Best Idea Competition, P.O. Box 32067, Mobeni, 4060. Khawuleza ulungenele olu khuphiswano kuba luvalwa ngomhla wama-30 kujuni 1995. Zalisa ikhuphoni, ubhale icebo lakho, uze ulithumele ingenelo lakho
NGOKU!

ICEBO LAKHO
LINOKUKUZUZISA
ISIXHOBO
SAKWABOSCH
ESISEBENZA
NGOMBANE!
Thumela ikhuphoni kule dilesi: The
Bosch/Bona Best Idea Competition,
P.O. Box 32067, Mobeni, 4060.
Gqibezela esio sivakalisi:
Ndinqwenela ukusebenzisa izixhobo
zombane zakwaBOSCH       

69

Aba bantu bafunisa ngabahlobo okanye
ngezizalwane ezilahlekileyo. Xa ningabanceda
bafumane ababathandayo ncedani babhaleleni
ngqo ngolwazi eninalo. Uncedo lwenu luya
kubuleleko kakhulu


NDIFUNISA ngomalume wam uJOSEPH DALIAS WILFORT nomakazi wam uEDINA MPOFU. Siva amahumhum okuba baseZimbabwe. Nabani na obaziyo apho bakhoyo nendlela yokubafumana, makabhalele uTsepiso Mpofu, Phokeng Store, Box 71, Butha-Buthe 400, Lesotho.


KHANINDIFUNISE umama wam uENGELlNAH NHLAPHO MAMETE. Umke kowabo ngo-1989. Nabani na omaziyo apho akhoyo makaqhagamshelane noMpho Mirriam Makhanya, 1440 Bekkersdaal Location, Westonaria, 1780.



 NDIFUNISA ngotata wam uJOHANNES DITABA MOLOI
Nabani na omaziyo makabhalele ushuping J. Moloi, 25 lst Avenue, Linden, Johannesburg, 2195.



 NDIFUNISA ngomnlwana wam uREGINA NKELE MOLWELE/MPHLEFOLE. Umke kowabo ngo-1 975 esiya ePitoli. Nabani na omaziyo apho akhoyo makaqhagamshelane noElizabeth Mokontolo Molewe, Box 20, Skilpadfontein, 0434.


KHANINDIFUNISE uMORUTI DIRK MOKGARA. Ukuba uyamazi kwanendawo endingamfumana kuyo, khawuqhagamshelane noMorutwana Theo Mokgora, P.0. Bothethong, 8609, Bophuthatswana.


NDIFUN1SA ngOJONAS SEOKELA lowemka kowabo ngo-1979. Nabani na omaziyo makabhalele uMagdalena Selokela, Matabane School, Private Bag X1, NulfieId, 0438.


NDIFUNISA ngoAROM PHETO Nabani na omaziyo apho akhoyo makabhalele uRosina M. Pheto, P.O. Box 3053, Potchefstroom, 2520.

NDIFUNISA ngoMY DEAR
MP1NDWANA endamgqibela ngo-1987. Nabani na omaziyo makaqhagamsheiane noN.S. Mpindwana, 9 Outcrop Crescent, Creswell Park, Roodepoort, 1 724.



 NDIFUNISA ngotata wam uL1MPIOA SAMSON MANYISA nomama wam uSELINAH. Ukuba uyabazi apho bakhoyo khciwuqhagamshelane nofrans Samson Manyisa, 9 )utcrop Crescent, Cresswell Park, Roodeport, 1 724.



KHANINDIFUNISE ULEPSON NDODOMNTU
NGEWANAwaseMtata. Ukuba uyamazi apho akhoyo khawuqhagamshelane noNombuyiselo Mqhuluntsu Ngewezna, Lower Mthentu Store, P.O. Box 225, ldutywa, 5000.


NDIFUNISA ngOFLORENCE FULO
MATJ1LA endamgqibela ngo1987. Nabani na omaziyo makaqhagamshelane noLizzy Sarah Molekwa, 1226, Reyneke Street, Queenswood X2, Pretoria,
0186.

KHANINDIFUNISE uNTHABISENG MALETHENA DINALE. Nabani na omaziyo makaqhogamshelane
noTeboho Lekhoana, P.O. Box 70, Mohales Hoek 800, Lesotho.

NDIFUNISA ngoLINAH LEPHOTO
oseVosloosrus. Nabani omaziyo apho akhoyo makancede abhaleie uJane Mabela, P.O. Box 5144, J1860, Botshabelo, 978 1.




KHANINDIFUNISE UTOKELO HOKHOTHO
Kusenokwenzeka useMarikana. Nabani na omaziyo apho akhoyo nendawo akuyo makabhalele uC.N.P. Mpati, P.O. Box 249, Matatiele, 4730.




74 BONA XHOSA - June t99

Liiiphi iqela eliza kugwesa kwiligi?
NGABA YICHIEFS, IPIRATES OKANYE
ISUNDOWNS?
Iimbono zabantu abelilukeneyo
ziyangqinelana ngokuba yiOrlamlo Pirates eza kuzuza
iligi kulo nyaka
kubhale uMIKE MTAKATI kwafota uTHEMBA NKOSI


 NANGONA isekude nokuphela imidlalo yeligi, abathandi bebhola nabalandeli bamaqela sebethetha ngendebe yeligi nangeqela elingayizuza.
Nakubeni kunjalo, kukho iimpawu zokuba iqela eliza kugqwesa kwiligi ekupheleni konyaka liza kuphuma phakathi kweOrlando Pirates, ekuyiyo eyikhuselayo le ndebe, Iwisa Kaizer Chiefs neSundowns.
Kutshanje ndithethe nomsasazi wezemidlalo kwiRadio Metro, uJoe Nkosi, kunye nentatheli yezemidlalo yeSowetan, uSbusiso Mseleku, ukuze ndifumane izimvo zabo nam ndibaxelele ngolwam uluvo ngabo mba.
Nazi izimvo zabo...
UMike Mtakati - iNtatheli Yezemidla/o yeBona: Omathathu la maqela akhe ayizuza indebe yeligi ngaphantsi kweNational Soccer League, kwaye iChiefs neSundowns ziyizuze ngaphezu kwesihlandlo esinye kanti iPirates yona ibiqala ukuyizuza nyakenye.
Ngokuqinisekileyo abantu abaninzi bajonge iPirates ukuba ibonise ukuba ukuzuza kwayo le ndebe nyakenye akuzange kube lithamsanqa nokuthi inabo abadlali enoyikukhusela.
Kwelinye icala, abaphathi nabadlali beChiefs bafuna ukubonisa abalandeli babo ukuba iqela labo lisengaMakhosi ngokuzuza le ndebe.
Nangona benqwenela ukukwenza oko, andikholwa ukuba eli qela lingayizuza indebe yeligi kulo nyaka, kuba lisafuna ukwakhiwa ngokutsha eli qela nokuphucula abadlali babo babe namava okudlala kwifirst division. IChiefs inabadlali abaselula endikholwa kukuba baza kuba yingozi kwamanye amaqela bakuba namava.
iSundowns ngathi inengxaki efanayo neyeChiefs, nangona inabadlali abambalwa abanamava abanjengolnnocent Buthelezi, uSizwe Motaung, noBennet Masinga
Eyona nto iza kulichana eli qela ngumqeqeshi walo omtsha, uClemens Westerhoff, osenengxaki yokukhetha abona badiali baliphumelelisayo eli qela. Ngathi unomkhwa wokuthembela kubadlali abadala ayeke ukusebenzisa abadlali abaselula nabanesiphiwo.
Ngoko kucacile ukuba yiPirates esethubeni lokuyikhusela ngempumelelo le ndebe yeligi, xa ujonga indlela abadlali bayo abadlala ngayo namava abo. Umqeqeshi wabo, uMike Makaab, ubenze badlala ngokuzimisela abadlali yaye oko kuyaliphumelelisa iqela lakhe.
UJoe Nkosi - Umsasazi Wemidlalo kwiRadio Metro: Andithandabuzi ukuba yiOrlando Pirates eza kuba ziintshatsheli zeligi. Eli qela linayo yonke into efunekayo kwiqela lebhola ukuze lizuze indebe yeligi!
IBucs idlalisa abadlali abanamava nabayingozi kanti nangaphandle isala inabadlali abanamava.
Mna iPirates ndingayifanisa namaqela amanye azwe anjengeBlackburn Rovers neMachester United, ekungamaqela anabadlali abomeleleyo nto leyo iwenza aqhube kakuhle kwimidlalo yawo yeligi.
Enye into eyenza iphumelele iBucs yintsebenziswano ephakathi komqeqeshi wayo, uMike Makaab, umncedisi wakhe, uRonald Mkhandawiri, noLawrence Ngubane, oyimaneja yayo.
Asifanele siziqhathe ngokuthi iChiefs iza kuzuza indebe yeligi kulo


76 BONA XHOSA - June 1995
	LELIPHI IQELA ELIZA KUGQWESA KWILIGI?
	nyaka. Eli qela lisakhiwa ngokutsha ngoko alinakuyizuza iligi ekupheleni konyaka.
lSundowns iqeshe umqeqeshi omtsha, kwaye kufuneka aqhele abadlali yaye akhethe abadlali abanokulenza lizuze iligi eli qela. Ndibona ngathi lo mqeqeshi wenza impazamo ngokungabadlalisi rhoqo abadlali abanjengeBenneft Masinga noDaniel Mudau aze asebenzise abadlali abaselula nabangenamava. Yinyaniso ukuba kufuneka sibasebenzise abadlali abaselula ebholeni, kodwa abalulekile amava, ingakumbi xa ufuna ukuzuza indebe yeligi. Mna ndibona iyiPirates eza kuba ziintshatsheli zeligi! USbusiso Mseleku -Intatheli Yezemidlalo yeSowetan: Nangona ndivumelana nabantu abathi iqela eliza kuzuza iligi eliza kuzuza iligi liza kuba phakathi abaninzi. kwePirates, iChiefs neSundowns, mna ndithi iqela eliza kuzuza le ndebe kuza kuba yiPirates okanye iChiefs. Eneneni omathathu la maqela adlala kakuhle yaye azimisele ukuyizuza indebe yeligi. Kuza kucaca emva kwemidlalo yomjikelo wokuqala, phofu ngathi kucacile ukuba kuza kuba lelinye lala	maqela mabini. Ndikholwa kukuba iqela eliza kuphumelela emdlalweni weligi wePirates neChiets oza kuba ngomhla we-1 7 kujuni, lilo eliza kuzuza iligi, andikhathali ukuba aya kube emi njani kuluhlu lweligi! IPirates inokuba nengxaki yokudlala kwiAfrica Champions Cup, kodwa andikholwa ukuba oko kuza kuyichana kangako kuba	inabadlali abaninzi abanesiphiwo abangadlaliswayo. Mancinane amathuba okuba iChiefs izuze iligi, kodwa andifuni kwenza mpazamo yokuthi ayinakuyizuza. Idlala kakuhle mvanje kwaye inokudanisa abagxeki abaninzi. Kufuneka izame ukuphumelela emidlalweni ebalulekileyo. Ukubethwa kwayo yiPirates kwiWisa Charily Spectacular,
ukubethwa kwayo yiWits University kwifayinali yeBP Top Eight Cup, nayiSundowns emdlalweni womjikelo wokuqala, kwenza kwehla ukuzimisela kwabadlali.
Kufuneka iqela liphumelele kwimidlalo enjengale ukuze bazimisele nangakumbi abadlali
ukuzuza indebe yeligi! Kungekudala iSundowns iza kuba lelinye lamaqela anzima, kodwa
hayi kulo nyaka. Iqeshe umqeqeshi onamava, uClemens Westerhoff, yaye ithenge abadlali abambalwa bamanye amazwe. Iqela kufuneka liphumelele emidlalweni yaye Libe yingozi xa lifuna ukuzuza indebe yeligi, ngoko iSundowns ayinazo ezo zinto.
 Ndicinga ukuba iPirates iza kuphumelela emdlalweni wayo neChiefs ize iyikhusele nendebe yeligi!.

		-

		IKHOWUDI:.......   BONAX/6/95

		BONA XHOSA - Iune 1995 69

